2 Kings 23:36 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu u‐Yoyakime ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinamnye e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Zebuda, intombi ka‐Pedaya, owase‐Ruma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi linamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguZebhuda, intombi kaPedaya waseRuma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; Waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguSebuda, intombi kaPedaya waseRuma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJoyakim waqalisa ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguZebhida intombi kaPedaya waseRuma.