2 Kings 23:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo wabasusa ababingeli, abo okumkani bo‐Juda bebebamisele ukuba baqumise pezu kwendawo ezipakamileyo ezixekweni zakwa‐Juda, nasezindaweni ezingqongayo i‐Yerusaleme: kwa nabo baqumisayo ku‐Bali, na kulo ilanga, nakuyo inyanga, nakuzo izikwenkwezi zendlela yelanga, nakuwo wonke umkosi wezulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabaphelisa ababingeleli abangengabo, ababethe ookumkani bakwaYuda babamisela ukuqhumisela ezigangeni, emizini yakwaYuda, nangeenxa zonke eYerusalem; nabaqhumisela kuBhahali, nakwilanga, nakwinyanga, nakwiinkwenkwezi, nakumkhosi wonke wezulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabasusa ababingeleli bezithixo zookumkani bakwaYuda ababebamisele ukuba baqhumisele kwiindawo eziphakamileyo kwizixeko zakwaYuda nakwiindawo ezijikeleze iYerusalem; baqhumisela uBhahali, ilanga, nenyanga, neenkwenkwezi, nomkhosi wonke wezulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wabadenda abo babingeleli banqula *izithixo, abo babemiselwe ngookumkani bakwaJuda ukuze benze iziqhumiso kwiindawo eziphakamileyo zonqulo kwiidolophu zakwaJuda, nakwezo zingqonge iJerusalem. Abo ke babesenzela uBhali iziqhumiso, besenzela ilanga, inyanga, nazo zonke iinkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni.