2 Kings 23:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nomfanekiso ka‐Ashera wawukupa endlwini kayehova, ngapandle kwe‐Yerusaleme, ngasemlanjaneni we‐Kidrone, wawutshisa emlanjaneni we‐Kidrone, wawukanda wada walutuli, waluposa utuli lwawo pezu kwamancw̔aba osapo lwabantu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamkhupha uAshera endlwini kaYehova, wamsa ngaphandle kweYerusalem, emlanjaneni oyiKidron, wamtshisela emlanjaneni oyiKidron; bamcola waluthuli; waluphosa uthuli lwakhe phezu kwamangcwaba oonyana babantu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha ityholo lendlu kaYehova elingaphandle kweYerusalem, lalisa emlanjaneni oyiKidron, walitshisela entilini yentlambo yaseKidron, lalisila laluthuthu, lawuphosa umgubo walo emangcwabeni abantwana bakawonke-wonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intsika ka-Ashera wayincothula endlwini kaNdikhoyo, wayisa kwintili yeKedron ngaphandle kweJerusalem, wayitshisela khona. Wayisila yaluthuli, waza olo thuli lwayo walusarhaza phezu kwamangcwaba abantu.