2 Kings 24:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emihleni yake kwenyuka u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, waza u‐Yoyakime waba ngumkonzi kuye iminyaka yamitatu: wandula wajika, wavukela ngakuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngemihla yakhe kwenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani weBhabheli. UYehoyakim waba ngumkhonzi kuye iminyaka emithathu, wabuya wagwilika kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngexesha lakhe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli wahlasela uYowakim, waba ngumkhonzi kuye iminyaka emithathu; emveni koko wajika, wamjikela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngexesha lolawulo lukaJoyakim, ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli walihlasela elakwaJuda, waza uJoyakim waba phantsi kwakhe iminyaka emithathu. Phofu ke uJoyakim wabuya wamvukela uNebhukadenezare lowo.