2 Kings 24:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wazipumisa kona zonke indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani, wazihlahla zonke impahla zegolide ezibe zenziwe ngu‐Solomone ukumkani wo‐Sirayeli etempileni kayehova, njengokuba uyehova ebetshilo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Warhola khona bonke ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wazinqunqa zonke iimpahla zegolide, awazenzayo uSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova, njengoko wakuthethayo uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuthabatha khona bonke ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani, neempahla zonke zegolide, awazenzayo uSolomon ukumkani wakwaSirayeli, awazenzayo endlwini kaYehova, wazinqunqa phakathi amaqhekeza utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngokomlomo kaNdikhoyo uNebhukadenezare wabufudusa bonke ubutyebi endlwini kaNdikhoyo nakoovimba basebhotwe, wazinqunqa zonke ezo zinto zegolide ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo ngukumkani uSolomon wakwaSirayeli.