2 Kings 24:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wafudusa yonke i‐Yerusaleme, nazo zonke inkosana, nawo onke amagoṙa abuṙoti, ishumi lamawaka amatinjwa, nazo zonke incibi nabakandi; akwasala mntu, ngapandle kwawo amahlwempu abantu belizwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wayifudusa yonke iYerusalem, nabathetheli bonke, namagorha onke anobukroti, ishumi lamawaka abathinjwa, zonke iingcibi nabakhandi; akwasala mntu, yaba ngamahlwempu elizwe odwa asalayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayithimba yonke iYerusalem, nabathetheli bonke, namagorha onke, belishumi lamawaka abathinjwa, bonke abarhwebi, neengcibi zonke zesinyithi; akwasala bani, yaba ngamahlwempu elizwe odwa owasalayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa iyonke iJerusalem wayithimba: onke amaphakathi namadoda omkhosi, iingcibi namagcisa, bebonke yayilishumi lamawaka. Kuphela kwasala abona bantu bangamahlwempu kwaJuda.