2 Kings 24:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo wamfudusela u‐Yoyakine e‐Babilone; nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nababusi bake, nabakulu belizwe, wabemkisa e‐Yerusaleme ukuya ekutinjweni e‐Babilone:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamfudusa uYehoyakin, wamsa eBhabheli, nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nababusi bakhe, neenjengele zelizwe;wabafudusa eYerusalem abathinjwa abo, wabasa eBhabheli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamthabatha uYehoyakin wamsa eBhabheli, nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nabakhonzi bakhe, namagorha elizwe, wabafudusela eYerusalem eBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNebhukadenezare wathimba uJoyakin waya naye eBhabheli. Kananjalo wafudusela apho eBhabheli unina kakumkani, nabafazi bakakumkani, namagosa akhe, kunye namadoda aphambili elizweni.