2 Kings 24:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nawo onke amadoda obuṙoti, amawaka asixe̔nxe, nencibi nabakandi, iwaka linye, bonke abangamagoṙa eqelene nokulwa, kwa naba wabazisa ukumkani we‐Babilone ekutinjweni e‐Babilone:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
namadoda onke anobukroti angamawaka asixhenxe, neengcibi nabakhandi abaliwaka, onke amagorha anokulwa; abo ukumkani waseBhabheli wabasa bengabathinjwa eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke ke onke amawaka asixhenxe amadoda okulwa, newaka leengcibi nabakhandi besinyithi, bonke abomeleleyo nabakwaziyo ukulwa, bamthabatha ukumkani waseBhabheli, bamsa eBhabheli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waya nawo eBhabheli wonke umkhosi – amawaka asixhenxe amadoda, nditsho amagorha, izinto ezilindele umayenzeke – kunye newaka leengcibi namagcisa.