2 Kings 24:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova watuma ngakuye amabandla ama‐Kaledine, namabandla ama‐Siriya, namabandla ama‐Mowabi, namabandla osapo luka‐Hamoni, wawatuma ngakubo o‐Juda ukubatshabalalisa, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngezicaka zake abaprofite.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wamthumela izimpi zamaKaledi, nezimpi zama-Aram, nezimpi zakwaMowabhi, nezimpi zoonyana baka-Amon, wazithumela elakwaYuda, ukuba zilitshabalalise ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngabakhonzi bakhe abaprofeti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaye uYehova wathumela amatutu amaKhaledi namatutu ama-Aram namatutu amaMowabhi namatutu oonyana baka-Amoni ukuba amhlasele, waza wawathumela kuYuda ukuba amtshabalalise, ngokomthetho woonyana baka-Amoni. Ilizwi likaYehova awalithethayo kubakhonzi bakhe abaprofeti bathethile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke *uNdikhoyo wamthumelela ngeentshaba ezamhlaselayo, ingamaKaledi, nama-Aram, namaMowabhi, nama-Amon. Ezo ntshaba zazikho ukuze zimtshabalalise uJuda, ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa zizicaka zakhe *abashumayeli.