2 Kings 24:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngenyaniso bekungomteto kayehova kwehlayo lento pezu kwo‐Juda, ukuba abakwelelise ebusweni bake, ngenxa yezono zika‐Manase, njenjako konke abekwenzile;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Enyanisweni, ngokomyalelo kaYehova kwafika uYuda ukuba amshenxise phambi kwakhe ngenxa yezono zikaManase ngako konke awakwenzayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, ezi zinto uJuda zamhlela ngokomyalelo kaNdikhoyo, ukuze amgxothe phambi kwakhe ngenxa yezono nazo zonke izenzo ezazenziwe nguManase,