2 Kings 24:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye ukumkani we‐Jipete engasapindi ukupuma elizweni lake; ngokuba ukumkani we‐Babilone ebetabatile ilizwe, kwa kuwo umlambo wase‐Jipete kude kwakuwo umlambo wom‐Ferate, lonke elibe lilelokumkani we‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akabanga saphinda ukumkani waseYiputa aphume ezweni lakhe;ngokuba ukumkani waseBhabheli wayezithimbile zonke izinto ezizezokumkani waseYiputa, eqalele emlanjeni waseYiputa, wada wesa emlanjeni ongumEfrati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukumkani waseYiputa akazange abuye ezweni lakhe, kuba ukumkani waseBhabhiloni wayezithimbile zonke izinto zokumkani waseYiputa ukususela kumlambo waseYiputa ukusa kumlambo ongumEfrati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani waseJiputa akaphindanga aphume elizweni lakhe aye kuhlasela, kuba kaloku ukumkani waseBhabheli wawuthatha wonke umhlaba wakhe ukuqalela kumda waseJiputa kuye kuthi xhaxhe ngomlambo iEfrati.