2 Kings 25:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuso isixeko yatabata umbusi, lowo obeligosa pezu kwamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabo babebona ubuso bokumkani, abefunyanwa esixekweni; nomba̔li wenkosi yomkosi, owahlanganisa abantu belizwe emfazweni; namadoda angamashumi matandatu kubo abantu belizwe, abefunyanwa esixekweni:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, awayengumphathi wamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabehlala nokumkani, awafunyanwayo phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obesakuhlanganisa abantu belizwe; namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuloo mzi wathabatha umthetheli-mkhosi obemiselwe ukuba ube ngumveleli wamagorha, namadoda amahlanu kwaphambi kokumkani, awafunyanwayo phakathi komzi, nonobhala wenkundla, obenyule ukumkani abantu belizwe, namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha umphathi womkhosi kunye nesihlanu sabacebisi basebhotwe. Yamthatha nonobhala owayeligosa eliyintloko elihlela abomkhosi, kunye namahlakani akhe angamashumi amathandathu, bantu abo babeselapho esixekweni.