2 Kings 25:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zati zakuva zonke inkosi zezimpi, zona namadoda azo, ukuba ukumkani we‐Babilone wenzile u‐Gedaliya umongama, zandula zeza ku‐Gedaliya e‐Mitsipa: kwa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, no‐Seraya unyana ka‐Tanehumete, um‐Netofati, no‐Yazaniya unyana wom‐Mahaka, bona namadoda abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakuva ke bonke abathetheli bemikhosi, bona namadoda abo, akuba ukumkani waseBhabheli umenze umphathi uGedaliya, beza kuGedaliya lowo eMizpa; bengooIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan unyana kaKareha, noSeraya, unyana kaTanumete waseNetofa, noYahazaniya unyana kaMahakati, bona namadoda abo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beva bonke abathetheli benkundla, bona namadoda abo, ukuba ukumkani waseBhabheli umenze irhuluneli uGedaliya, beza kuGedaliya eMizpa, inguIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan unyana kaKeraki, noSeraya Unyana kaTanumete, kaMonetofa, noYazaniya unyana womAgati, bona namadoda abo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amagosa omkhosi neqela lawo athi akuva ukuba ukumkani waseBhabheli umisele uGedaliya ukuba abe ngumlawuli, asuka aya kuye uGedaliya eMizpa: uIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan unyana kaKareya, uSeraya unyana kaTanumente umNetofa, noYazaniya unyana kaMahakati, bekunye neqela labo.