2 Kings 25:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Gedaliya wafunga kubo, nakumadoda abo, wati kubo: Ningoyiki ukuba ngabakonzi bama‐Kaledine; hlalani elizweni, nimkonze ukumkani we‐Babilone, kwakuya kulunga kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabafungela bona namadoda abo uGedaliya, wathi kubo, Musani ukuboyika abakhonzi bamaKaledi; hlalani kweli lizwe, nikhonze ukumkani waseBhabheli, konilungela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabafungela bona namadoda abo uGedaliya, wathi kubo: “Musani ukoyika ukuba ngabakhonzi bamaKhaledi; hlalani kweli lizwe, nikhonze ukumkani waseBhabheli; kwaye uya kulunga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uGedaliya wawaqinisekisa loo madoda efunga esithi: “Musani ukuba naxhala niwoyike amagosa aseBhabheli. Kuphela nina hlalani phantsi nizinze kweli lizwe, nibuse ukumkani waseBhabheli; konke ke konilungela.”