2 Kings 25:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula besuka bonke abantu, kwa nabancinane nabakulu, nenkosi zezimpi, baya e‐Jipete; ngokuba bebesoyika ngenxa yama‐Kaledine.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Besuka ke bonke abantu, bethabathela komncinane bezisa komkhulu, nabathetheli bemikhosi, baya eYiputa; ngokuba babewoyika amaKaledi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Besuka ke bonke abantu, bethabathela kumfana besa kwindoda enkulu, nabathetheli bezintlu, beza eYiputa, ngenxa yokoyika amaKaledi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yesi sihelegu ke bonke abantu, kuqalela komdala kuye komncinci bekunye namagosa omkhosi, bathi ngokoyika amaBhabheli basaba baya kwelaseJiputa.