2 Kings 25:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute ngowamashumi matatu anesixe̔nxe umnyaka wokutinjwa kwake u‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngowamashumi mabini anesixe̔nxe umhla wenyanga, wati u‐Evili‐merodaki ukumkani we‐Babilone, ngomnyaka wokuba ngukumkani kwake, wapakamisa intloko ka‐Yoyakine ukumkani wo‐Juda, wamkupa entolongweni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo: uEvili-merodaki, ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokuthinjwa kukaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, uEvili-merodaki, ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokuqalisa kwakhe ukuba ngukumkani, ukuba aphakanyiswe intloko kaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ephuma entolongweni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe kwinyanga yeshumi elinambini.