2 Kings 25:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza babulala onyana baka‐Zedekiya pambi kwamehlo ake; bandula bamfamekisa amehlo ka‐Zedekiya, bamnxiba ngamakamandela obedu, bamsa e‐Babilone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abasika oonyana bakaZedekiya ekhangele; amtyhaphaza amehlo uZedekiya, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu, amsa eBhabheli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababulala oonyana bakaZedekiya phambi kwamehlo akhe baza bamkrukra amehlo uZedekiya baza bamkhonkxa ngemixokelelwane yobhedu baza bamzisa eBhabhiloni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Oonyana bakhe uZedekiya babulawa ekhangele. Yena uZedekiya bamtyhaphaza amehlo, baza bamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, baya naye eBhabheli.