2 Kings 3:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati ukumkani wo‐Sirayeli: Au, lento ababizileyo uyehova okumkani aba bobatatu, ukuze abanikele esandleni sama‐Mowabi!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ukumkani wamaSirayeli, Yeha, uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Yoo! uYehova wabahlanganisa abo kumkani bathathu ukuze abanikele esandleni sikaMowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yini le, angathini uNdikhoyo ukuqokelela ookumkani abathathu aba, kanti uza kusuka abanikele esandleni samaMowabhi ngolu hlobo?”