2 Kings 3:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Yehoshafate wati: Akuko na apa umprofite kayehova, sibuze kuyehova ngaye? Sapendula esinye ezicakeni zokumkani wo‐Sirayeli, sati: Kuko apa u‐Elisha unyana ka‐Shafate, owagalela amanzi pezu kwezandla zika‐Elija.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehoshafati, Akukho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuYehova ngaye? Waphendula omnye wabakhonzi bokumkani wakwaSirayeli, wathi, Ukho apha uElisha, unyana kaShafati, obegalela amanzi ezandleni zikaEliya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehoshafati, Akukho mprofeti kaYehova na apha, esinokubuza ngaye kuYehova? Waphendula omnye wakubakhonzi bokumkani wakwaSirayeli, wathi, Lo nguElisha, unyana kaShafati, obegalela amanzi esandleni sikaEliya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshafati wathi: “Bekungasekho *mshumayeli kaNdikhoyo esingabuzisa kuNdikhoyo ngaye na apha?” Ke igosa elithile lokumkani wakwaSirayeli laphendula lathi: “Ukhona apha uElisha, unyana kaShafati. Ngulowa wayelihlakani likaEliya.”