2 Kings 3:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Yehoshafate: Liko naye ilizwi likayehova. Bandula behla baya kuye, ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate, nokumkani we Edome.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehoshafati, Ilizwi likaYehova linaye. Behla ke baya kuye, ukumkani wakwaSirayeli, noYehoshafati, nokumkani wakwaEdom.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehoshafati, Ilizwi likaYehova linaye. Wehla ke ukumkani wakwaSirayeli, noYehoshafati, nokumkani wakwaEdom, baya kuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshafati wathi: “Nanko ke umntu onelizwi likaNdikhoyo!” Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli ekunye noYoshafati nokumkani wase-Edom behla baya kuye.