2 Kings 3:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Elisha wati kuye ukumkani wo‐Sirayeli: Uyinto nina kum? hamba uye kubaprofite boyihlo, nakubaprofite bonyoko. Koko ukumkani wo‐Sirayeli wati kuye: Unga tsho ke; ngokuba uyehova ebabizile okumkani aba bobatatu, ukuba abanikele esandleni sama‐Mowabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uElisha kukumkani wamaSirayeli, Yintoni na enam nawe? Hamba uye kubaprofeti bakayihlo, nakubaprofeti bakanyoko.Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuye, Hayi; ngokuba uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi ke uElisha kukumkani wakwaSirayeli, Yintoni na enam nawe? Hambani niye kubaprofeti bakayihlo, nakubaprofeti bakanyoko. Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuye, Hayi, ngokuba uYehova ubabizele aba kumkani bathathu, ukuba abanikele esandleni sikaMowabhi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Andinanto yakwenza nawe! Hamba wena uye kubashumayeli bakayihlo nonyoko!” Waphendula ke ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Hayi kaloku, nguNdikhoyo ngokwakhe osiqokeleleyo thina zikumkani sobathathu, wathi kanti uza kusinikela esandleni samaMowabhi.”