2 Kings 3:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Elisha: Ehleli nje uyehova wemikosi, endimi pambi kwake, ngenyaniso, ukuba ndibe ndingabeki ubuso buka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ngendingakangeli ngakuwe, ngendingakuboni kanjalo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimi phambi kwakhe, ndinge ndingakubheki, ndikubone, koko bendihlonele uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uElisha, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimi phambi kwakhe, inene, ukuba bendingambonanga uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, ndingakubhekanga khona, ndingakubonanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uElisha wathi: “Inene, ekho nje uNdikhoyo uSomandla, lo ndimkhonzayo, ukuba bekungeyiyo into yokuba ndihlonele ubukho bukakumkani uYoshafati wakwaJuda, ngendinganijongi nokunijonga, ndinganikhathalele futhi.