2 Kings 3:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa kaloku ndiziseleni umculisi. Kwaye kute, akuculisa umculisi, sandula isandla sikayehova seza pezu kwake;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiziseleni ke ngoku umbethi-luhadi. Kwathi, xa umbethi-luhadi lo alubethayo, samfikela isandla sikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiziseleni ke ngoko umkhonzi. Ke kaloku, esamemeza umkhonzi, isandla seNkosi saba phezu kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke khawuze nomdlali wehapu.” Uthe ke umdlali-hapu lowo akuyikhalisa, satsho saphezu koElisha isandla sikaNdikhoyo,