2 Kings 3:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba esitsho uyehova ukuti: Aniyi kubona umoya, aniyi kubona nemvula; noko ke intili leyo iya kuzaliswa ngamanzi, naniya kusela nina, nenkomo zenu, nezilo zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Aniyi kubona moya, aniyi kubona mvula; esi sihlambo ke siya kuzala amanzi, nisele nina, nemihlambi yenu, namaqegu enu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba wathi uYehova, Aniyi kubona moya namvula; kodwa loo ntlambo iya kuzala amanzi, nisele nina, neenkomo zenu, neenkomo zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuba kaloku uNdikhoyo uthi: ‘Akuyi kubakho moya namvula, kodwa yona intili le yophuphuma amanzi, uze ke wena neenkomo zakho nayo yonke imfuyo yakho ningawasweli amanzi okusela.’