2 Kings 3:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova: kodwa kwakungenjengoyise nanjengonina; ngokuba wasusa isifanekiso sika‐Bali, owabesenzile uyise.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza okubi emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoyise nanjengonina; kuba wasisusa isimiso selitye sikaBhahali, awasenzayo uyise.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenza okubi emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoyise nanjengonina, ngenxa enokuba wawususayo umfanekiso kaBhahali, awawenzayo uyise.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; noko ke akadanga afike kumgangatho kayise nonina. Walisusa ilitye likaBhali, elo lalenziwe nguyise.