2 Kings 3:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati kusasa, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, bona ke, kwavela amanzi ngendlela yase‐Edome, lada ilizwe lazaliswa ngamanzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi kusasa, xa kunyuswa umnikelo wokudla, nanko kusiza amanzi, evela ngendlela yakwaEdom, ilizwe lazala amanzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngomso, lakuziswa idini elinyukayo, kwafika amanzi endleleni eya kwaEdom, lazala ilizwe ngamanzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngentsasa elandelayo ke, ngexesha lokunikela amadini, kwaba sekunjalo: amanzi ayempompoza evela ngakwicala lakwaEdom! Ewe, yaba zizantyala-ntyala zamanzi.