2 Kings 3:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku kwakuviwa ngawo onke ama‐Mowabi, ukuba okumkani abo benyukile ukuza kulwa ngakuwo, kwabizelwa ndawonye bonke ababinqa ngombinqo nabapezulu, bema ngasemdeni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Eva ke onke amaMowabhi ukuba benyukile ookumkani, besiza kulwa nawo, ahlaba umkhosi kwintanga yonke exhobayo nengaphezulu, ema emdeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eva ke onke amaMowabhi ukuba benyukile ookumkani, besiza kulwa nawo, abutha bonke abaxhobileyo, bema emdeni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke amaMowabhi avile ukuba ookumkani aba beze kulwa nawo; ngoko ke aqokelela yonke into eyindoda, omncinci nomdala onako ukuxhoba ezemfazwe, aza emiswa emideni.