2 Kings 3:24 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa akufika emnqubeni wo‐Sirayeli, besuka o‐Sirayeli bawabeta ama‐Mowabi, ada esaba pambi kwabo: kanjalo bangena kulo ilizwe lawo, babeta ama‐Mowabi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Afika ke emkhosini wakwaSirayeli; asuka amaSirayeli, awaxabela amaMowabhi, asaba wona ebusweni bawo, alingenela ilizwe, ehamba ewaxabela amaMowabhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafika ke emkhosini wakwaSirayeli, bagqiba oonyana bakaSirayeli ukuwaxabela amaMowabhi, asaba phambi kwawo; kodwa bemka, bawaxabela amaMowabhi ezweni lawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke athi akufika ekampini yamaSirayeli amaMowabhi lawo, suka avuka amaSirayeli, alwa ada awasukela. Hayi ke, amaSirayeli alihlasela elo lamaMowabhi, akawabulala awaxhela.