2 Kings 3:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza ukumkani wama‐Mowabi, akubona ukuba ukulwa kunamandla pezu kwake, watabata naye amadoda angamakulu asixe̔nxe ar̔olayo iṙele, ukuba atyobozele kuye ukumkani we‐Edome; kodwa ebekohliwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona ukumkani wamaMowabhi, ukuba impi imkhulele, wathabathela kuye amadoda angamakhulu asixhenxe arhola ikrele, ukuba atyhudise, abheke kukumkani wakwaEdom; akaba nako.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akubona ukumkani wakwaMowabhi ukuba imfazwe inzima kuye, wathabatha amadoda angamakhulu asixhenxe arhola ikrele kunye naye, ukuze atyhobozelele kukumkani wakwaEdom;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke akubona ukuba idabi limongamele ukumkani waseMowabhi, suka wathatha amakhulu asixhenxe amadoda alwa ngeentshuntshe, wazama ukutyhoboza aphumele kukumkani wase-Edom, kambe ke woyiswa nayile into.