2 Kings 3:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wamtabata unyana wake wamazibulo, lowo ubeya kuba ngukumkani esikundleni sake, wamnikela abe lidini lokutshiswa pezu kwodonga. Kwaza kwabako umsindo omkulu ngakubo o‐Sirayeli: ngako bemka kuye, babuyela elizweni labo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathabatha unyana wakhe wamazibulo, obeya kuba ngukumkani esikhundleni sakhe, wamnyusa waba lidini elinyukayo phezu kodonga. Afikelwa buburhalarhume obukhulu amaSirayeli.Ancothuka kuye, abuyela ezweni lawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabatha unyana wakhe wamazibulo, owaba ngukumkani esikhundleni sakhe, wenza idini elinyukayo phezu kodonga. Wavutha kunene ngumsindo uSirayeli, amshiya, abuyela ezweni lawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoku ke wathatha unyana wakhe oyinkulu, eyayiza kuba ngukumkani xa yena engasekho, wenza ngaye idini elitshiswayo phezu kodonga lwesixeko eso. Ke kaloku amaSirayeli akhamnqa ngendlela engathethekiyo; aza ke ahlehla agoduka.