2 Kings 3:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku u‐Mesha ukumkani wama‐Mowabi ebengumfuyi wegusha, wanikela kukumkani wo‐Sirayeli ikulu lamawaka emvana, nekulu lamawaka enkunzi zegusha uboya bazo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uMesha, ukumkani wamaMowabhi, ubengumfuyi weegusha; emana embuyisela ukumkani wakwaSirayeli ngoboya bekhulu lamawaka eemvana, nekhulu lamawaka eenkunzi zeegusha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMesha, ukumkani wakwaMowabhi, ubengumalusi, wabuyisela kukumkani wakwaSirayeli ikhulu lamawaka eemvana, nekhulu lamawaka eenkunzi zeegusha ezinoboya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uMesha ukumkani waseMowabhi wayefuye iigusha, erhuma kukumkani wakwaSirayeli ngekhulu lamawaka amatakane nangoboya beenkunzi zeegusha ezilikhulu lamawaka.