2 Kings 3:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waya watuma ku‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ukuti: Ukumkani wama‐Mowabi uvukele ngakum; uya kuhamba na nam ukuya ngakuwo ama‐Mowabi ekulweni? Wayesiti: Ndiya kunyuka: njengokuba unjalo wena, ndinjalo mna; njengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; njengokuba enjalo amahashe ako, anjalo amahashe am.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waya wathumela kuYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, esithi, Ukreqile kum ukumkani wakwaMowabhi; wohamba na nam siye kulwa namaMowabhi? Wathi, Ndonyuka ndiye; ndinjengoko unjalo; abantu bam banjengoko banjalo abantu bakho; amahashe am anjengoko anjalo amahashe akho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma, wathumela kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, esithi, Undijikile ukumkani wakwaMowabhi; Wohamba nam siye kulwa namaMowabhi? Wathi, Ndiya kunyuka ndiye, ndinjengani; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke wathumela kukumkani uYoshafati wakwaJuda esithi: “Ukumkani waseMowabhi undigwilikele. Awungebi nako na ke ukundixhasa silwe nayo iMowabhi?” Ke uYoshafati wathi: “Kulungile, ndiyaya. Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”