2 Kings 4:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU umfazi otile ebafazini bonyana babaprofite wakala ku‐Elisha, esiti: Isicaka sako, indoda yam, sifile; nawe uyazi ukuba isicaka sako besimoyika uyehova: usel’ efikile lowo ibinetyala kuye, ukuza kuzitabatela onyana bam bobabini babe ngamakoboka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku umfazi othile kubafazi boonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho indoda yam ifile.Uyazi wena ukuba umkhonzi wakho lowo ebemoyika uYehova; ke umboleki-mali uze kubathabathela kuye oonyana bam bobabini, ukuba babe ngamakhoboka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku umfazi othile woonyana babaprofeti wakhala kuElisha, esithi, Umkhonzi wakho, indoda yam, ubhubhile; yaye wena uyazi ukuba umkhonzi wakho wayemoyika uYehova, waza umbolekisi weza kubathabatha oonyana bam bobabini ukuba babe ngamakhoboka akhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umhlolokazi othile, omyeni wayengomnye wabashumayeli, wakhalela uElisha esithi: “Umyeni wam ongasekhoyo, isicaka sakho, nawe uyamazi ukuba ebemhlonele *uNdikhoyo. Kambe ke ngoku engasekho umntu awayenetyala kuye ufuna ukuthimba amakhwenkwe am amabini abe ngamakhoboka.”