2 Kings 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
masenze ke inkambili yapezulu encinane ngaseludongeni, simbekele kona umandlalo, netafile, nesitulo, nekandelare; kwaye kuya kuti, akuza kuti, wopambukela kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Masenze eludongeni igunjana eliphezulu, simbekele khona isingqengqelo, netafile, nesihlalo, nesibane, angene khona akuphambukela kuthi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Masenze igumbi elincinane ngaseludongeni; simbekele ibhedi, netafile, nesitulo, nesibane; wothi, xa athe weza kuthi, ajike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke masimakhele igunjana apha phezu kwendlu yethu, kulo sibeke umandlalo, itafile, isitulo, nesibane, khon' ukuze athi xa efikile ahlale kulo.”