2 Kings 4:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku wabete kuye: Yiti ke kuye: Bona ke, usikatalele ngayo yonke lenkatalo nje, yinto nina eya kwenzelwa wena? kuko na into uya kutetelelwa ngayo kukumkani, umhlaumbi kwinkosi yomkosi? Wayete yena: Ndihleli pakati kwabantu bam.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wambiza; wema phambi kwakhe. Wathi kuye, Khawuthi kuye, Uyabona, usinyamekele ngayo yonke le nyameko; unga ungenzelwa ntoni na ke? Unelizwi ongalenzelwayo na kukumkani, nokuba kukumthetheli-mkhosi? Wathi yena, Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke yena kuye, Kungokunje uthi kuye, Uyabona, usinyamekele ngayo yonke le nyameko; Kufuneka wenzelwe ntoni? Niya kusiwa kukumkani, nokuba kukumthetheli wenkundla? Wathi yena: Ndihleli phakathi kwabantu bakowethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UElisha wathi kuGehazi: “Buza kuye uthi: ‘Njengoko usenzele yonke le nquleqhu nje, mna ke ndingakwenzela ntoni? Awungethandi ndikuthethele kukumkani okanye kwinjengele yomkhosi?’ ” Ke yena wathi: “Hayi noko, ndihleli phakathi kwamawethu.”