2 Kings 4:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Elisha esiti kuye: Ndiya kukwenzela nto nina? ndixelele ke, unanto nina endlwini? Wati yena: Isicakakazi sako asinanto endlwini, kupela liselwa leoli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uElisha kuye, Ndikwenzele ntoni na? Ndixelele, unantoni na endlwini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, kuphela ligubu leoli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uElisha kuye, Ndikwenzele ntoni na? khawutsho unantoni apha endlini? Wathi, Umkhonzazana wakho akananto endlwini, yingqayi yeoli yodwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UElisha wathi kuye: “Ndingakunceda kanjani ke? Khawutsho, unantoni endlwini yakho?” Ke yena wathi: “Akukho nto sinayo isicakazana sakho esi ngaphandle kwengqayana yamafutha omnquma.”