2 Kings 4:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati akufika kwindoda katixo entabeni, wabamba inyawo zayo. Wasuka wasondela u‐Gehazi, ukuba amtya̔le. Kodwa yati indoda katixo: Myeke; ngokuba umpefumlo wake uṙaṙa pakati kwake; kanti uyehova undifihlele lento, engandixelelanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akufika kumfo wakwaThixo entabeni, wambamba ngeenyawo.Wasondela uGehazi ukuba amsunduze; wathi umfo wakwaThixo, Myeke, ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra; uYehova undifihlele, akandixelela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akufika kumfo kaTHIXO oyinyaniso endulini, wambamba ngeenyawo; wasondela uGehazi ukuba amsunduze. Wathi umfo wakwaThixo, Makalinde; ngokuba umphefumlo wakhe ukrakra phakathi kwakhe, uYehova undifihlele le nto, akandityhilela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke akufika apho entabeni kumfo wakwaThixo wasuka wambamba ezinyaweni. Ke yena uGehazi wafuna ukumtyhiliza, kodwa ke umfo wakwaThixo wathi: “Hayi, myeke! Usengxakini ebuhlungu, kambe uNdikhoyo undifihlele, akandixelela ukuba kungenxa yantoni na.”