2 Kings 4:29 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yandula yati ku‐Gehazi: Binqa isinqe sako, upate umsimelelo wam esandleni sako, uhambe; ukuba uyafumanana nomntu, ungambulisi; kanjako ukuba umntu uyabulisa wena, ungasabeli kuye; uye uwubeke umsimelelo wam pezu kwobuso bomntwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uphathe umsimelelo wam esandleni sakho, uhambe. Ukuba uthe waqubisana nomntu, uze ungambulisi; ukuba uthe umntu wakubulisa, uze ungamphenduli;uze uwubeke umsimelelo wam phezu kobuso benkwenkwe leyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuGehazi, Bhinqa isinqe sakho, uthabathe umsimelelo wam ngesandla sakho, uhambe; xa uthe wadibana nomntu, uze ungambulisi; ukuba uthe wabulisa, uze ungaphindi umphendule; ndibeke intonga yam ebusweni benkwenkwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UElisha wabhekisa kuGehazi wathi: “Finyeza uxhabashe! Thatha induku yam, uhambe ngokukhawuleza, ubaleke. Umntu odibana naye ngendlela uze ungambulisi, nawe xa umntu ekubulisa, uze ungachithi ixesha ngempilo. Le nduku yam uze uyibeke phezu kobuso benkwenkwe leyo.”