2 Kings 4:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Gehazi wadlula pambi kwabo, waya wabeka umsimelelo pezu kwobuso bomntwana; kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nokupulapula. Ngako wabuya ukuya kuyihlangabeza, wayixelela, esiti: Akavukanga umntwana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UGehazi wagqithela phambili kubo, wafika wawubeka umsimelelo phezu kobuso benkwenkwe; akwabakho lizwi, akwabakho kushukuma. Wabuya waya kumkhawulela, wamxelela, wathi, Inkwenkwe ayivukanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wasondela uGehazi kubo, wawubeka umsimelelo ebusweni benkwenkwe; kodwa kwakungekho lizwi nabaphulaphuli. Ngoko waphinda waya kumhlangabeza waza wamxelela waza wathi: “Umntwana akavukanga.”
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uGehazi wabakhokela, wafika wabeka induku leyo phezu kobuso benkwenkwe, kodwa ke kwathi cwaka akwabikho kusabela. Ke uGehazi wajika wahlangabeza uElisha wamxelela esithi: “Laa nkwenkwe ayivuki tu.”