2 Kings 4:34 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wakwela, walala pezu kwomntwana, wabeka umlomo wake pezu kwowake umlomo, namehlo ake pezu kwawake amehlo, nezandla zake pezu kwezake izandla, wazitoba pantsi pezu kwake: yada inyama yomntwana yafudumala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka, walala phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe phezu komlomo wakhe, amehlo akhe phezu kwamehlo akhe, izandla zakhe phezu kwezandla zakhe, wazolula phezu kwakhe; yafudumala inyama yomntwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka, wangqengqa phezu komntwana lowo, wabeka umlomo wakhe emlonyeni wakhe, namehlo akhe phezu kwamehlo akhe, nezandla zakhe phezu kwezandla zakhe; yafudumala inyama yomntwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wazolula apho phezu kwaloo nkwenkwe, yangumlomo emlonyeni, neliso elisweni, nezandla ezandleni. Kuthe ke kusenjalo, suka waya ufudumala ngokufudumala umzimba wenkwenkwe leyo.