2 Kings 4:35 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wabuya, wahamba endlwini kwa kanye apa nakanye paya; waza wakwela kanjako, wazitoba pantsi pezu kwake; wada watimla umntwana kwada kwangamaxesha asixe̔nxe, waza umntwana wavula amehlo ake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya, wahamba endlwini, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wenyuka wazolula phezu kwakhe. Yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya, wasinga ngapha kwakanye, wasinga ngapha kwakanye, wahamba endlwini; Yenyuka, wazolula phezu kwakhe, yathimla inkwenkwe izihlandlo ezisixhenxe, yawavula inkwenkwe amehlo ayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UElisha ke wakhe wayishiya, wahamba-hamba apho endlwini, waza ke waphinda wabuya wazolula apho phezu kwenkwenkwana. Ke inkwenkwe leyo yathimla kasixhenxe, yaza ke yawavula amehlo ayo.