2 Kings 4:39 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula omnye wapumela endle ayike imifuno, wafumana ivatala yasendle, waka kuyo ikomkomere zasendle ingubo yake izele, weza wazixabela embizeni yomhluzi; ngokuba bebengazazi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma omnye, waya kufuna imifuno endle; wafumana uthangazana, wakha amathangazana kulo; yazala ingubo yakhe.Wafika, wawaxabelela embizeni yokupheka; ngokuba babengawazi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma othile, waya kukha imifuno emaphandleni; wafumana umdiliya wasemaphandleni, wakha kuwo, wazala ingubo yakhe, weza, wawunqunqa embizeni, kuba babengazi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Omnye wâbo bashumayeli waphuma, waya emasimini, wafika waqokelela amathangazana. Wawaqokelela wawaqushula ngesondo lengubo yakhe. Akubuya ke wawanqunqela kuloo mbiza yesityu, nakuba kwakungekho mntu uwaziyo into ayiyo.