2 Kings 4:42 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kuvela indoda e‐Bali‐shalisha, yazisa endodeni katixo izonka zelibo, izonka zeṙalasi ezimashumi mabini, nezikwebu ezibonxileyo emakaseni azo. Yaza yati: Nikela abantu ukuba badle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwavela indoda eBhahali-shalisha, yamzisela umfo wakwaThixo ukudla okutsha: izonka zerhasi ezimashumi mabini, namakhweba engxoweni yakhe. Wathi, Nika abantu, badle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwafika indoda, ivela eBhahali-salilisa, izisele umfo wakwaThixo izonka zerhasi ezimashumi mabini, neengobozi zizele yingqolowa. Wathi, Nika abantu, badle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku kwafika umfo othile, evela eBhali-shalisha, ezisele umfo wakwaThixo izonka ezinerhasi ezimashumi mabini. Zazenziwe ngolibo lwerhasi. Kananjalo wayephethe nezikhwebu zolibo olo. UElisha wathi kuye: “Yipha abantu batye.”