2 Kings 4:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa umkonzi wayo wati: Into ni? ndibeke oku pambi kwekulu lamadoda na? Yabuya yati: Nikela abantu ukuba badle; ngokuba esitsho uyehova ukuti: Baya kudla, bosalisa kanjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi umlungiseleli wakhe, Ndothini na ukukubeka oku phambi kwekhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu, badle; ngokuba utsho uYehova ukuthi, Baya kudla, bade bakushiye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi umfana lowo, Ndothini na ukulinika ikhulu lamadoda? Wathi, Nika abantu badle, ngokuba uYehova wathi, Baya kudla, basele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke saphendula isicaka sathi: “Ndingathini ukubeka intwana engaka phambi kwabantu abalikhulu?” Kodwa ke uElisha wathi: “Yipha abantu batye. Kaloku *uNdikhoyo uthi: ‘Baya kutya bade bakushiye.’ ”