2 Kings 4:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuba izitya bezite ciki, wayesiti kunyana wake: Sisondeze kum kanjako isitya; kodwa wati kuye: Akuseko isitya. Yaza ioli yanqamka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, zakuzala izitya, wathi kunyana wakhe, Zisa esinye isitya kum. Wathi yena kuye, Akusekho sitya: yanqamka ke ioli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, zakuzala iingqayi, wathi kunyana wakhe, Ndizise enye into. Wathi kuye, Akusekho umphanda; Yahlala ke ioli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zithe ke zakuzala zonke, wabhekisa kunyana wakhe wathi: “Yiza nenye kwakhona.” Kodwa ke yena wathi: “Ziphelile; akukho yimbi eseleyo.” Namafutha ke atsho aphela.