2 Kings 4:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute ngemini etile, wadlula u‐Elisha waya e‐Shuneme, apo wabekona umfazi omkulu, owamnyanzela ukuba atye isonka. Kwaza kwati, nxa asukuba ebedlula, wapambukela kona, ukuba atye isonka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ngamhla uthile, uElisha wagqithela eShunem, apho kwaye kukho intokazi elinonokazi; yamzama ukuba adle isonka.Ubesithi, xa agqithayo, aphambukele khona ukuba adle isonka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ngamhla uthile, uElisha wawela, waya eShunem, apho kwakukho umfazi omkhulu; wamnyanzela ukuba adle isonka. Wadlula apho, wajika ukuba adle isonka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenye imini uElisha waya eShunem. Khona apho kwakukho mfazi uthile usisityebi owamcelayo ukuba angene endlwini yakhe afumane into etyiwayo. Ebesithi ke, xa adlulayo, aphambukele khona ukuba afumane into etyiwayo.