2 Kings 5:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU u‐Nahamane, inkosi yomkosi wokumkani we‐Siriya, ebeyindoda enkulu ebusweni benkosi yake, nebekekileyo, ngokuba uyehova wabenikile ngaye ulwoyiso kuma‐Siriya; wayeyindoda eligoṙa elikalipileyo kanjalo, kodwa ebelileperi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uNahaman, umthetheli-mkhosi wokumkani wakwa-Aram, waye eyindoda enkulu enkosini yakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ama-Aram usindiso ngaye. Loo ndoda yabe iligorha, ilikroti, kodwa ineqhenqa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku uNahaman, umthetheli-mkhosi wokumkani wakwa-Aram, waye eyindoda enkulu phambi kokumkani wakhe, ebekekileyo; ngokuba uYehova wayewanike ngaye ama-Aram; naye wayeligorha elikhaliphileyo, kodwa eneqhenqa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uNahaman wayeyinjengele yomkhosi wokumkani wakwa-Aram. Yayingumfo ohlonitshwayo noxatyisiweyo nayinkosi yakhe. Kaloku kwakungaye lowo ukuze *uNdikhoyo awaphe uloyiso ama-Aram. Wayelikroti lomfo, nto nje eneqhenqa.