2 Kings 5:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa waqumba u‐Nahamane, wemka, wati: Bona ke, bendisiti pakati kwam, woka apumele kum, eme, abize ngegama likayehova, lotixo wake, ashukumise isandla sake pezu kwendawo, apilise ileperi:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waba noburhalarhume uNahaman, wemka, wathi, Bonani, bendiba mna wophuma eze kum, eme anqule igama likaYehova uThixo wakhe, awangawangise isandla sakhe phezu kwale ndawo, alisuse iqhenqa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waqumba uNahaman, wemka, wathi, Yabona, ndithe, Uya kuphuma eze kum, eme, alibize igama likaYehova uThixo wakhe, asibethe isandla sakhe phezu kwendawo eneqhenqa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke uNahaman wemka apho egqusha ngumsindo, esithi: “Mna bendicinga ukuba lo mfo uya kuphuma eze kum, akhe eme anqule igama likaNdikhoyo uThixo wakhe, futhi akhe awangawangise nangesandla kule ndawo, ukuze ke ndinyangeke.