2 Kings 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wehla, wazintywilisa e‐Yoredane amaxesha asixe̔nxe, njengelizwi lendoda katixo: yaza yabuya inyama yake, yaba njengenyama yomntwana omncinane, wahlambuluka ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wehla ke, wantywila izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ngokwelizwi lomfo wakwaThixo; yabuya ke inyama yakhe, yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla ke waza wabhaptizwa izihlandlo ezisixhenxe eYordan, ngokwelizwi lomntu kaThixo oyinyaniso; yabuya ke inyama yakhe, yanjengenyama yomntwana, wahlambuluka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uNahaman wehla waya eJordan, wafika wantywila khona kasixhenxe ngokwelizwi awayelixelelwe ngumfo wakwaThixo. Ngenene ke ulusu lwakhe lwahlaziyeka lwahlambuluka lwaba njengolomntwana.