2 Kings 5:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka wabuyela endodeni katixo, yena nawo wonke umkosi wake, weza, wema pambi kwayo, wati: Bona ke, kaloku ndiyazi ukuba akuko utixo kuwo wonke umhlaba, kupela kwa‐Sirayeli: ngako kaloku, zulamkele itamsanqa esicakeni sako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuyela kumfo wakwaThixo, yena nesihlwele sakhe sonke, weza, wema phambi kwakhe, wathi, Uyabona, ndiyaqonda ngoku ukuba akukho Thixo ehlabathini lonke, kukwaSirayeli kodwa;kaloku khawamkele intsikelelo kumkhonzi wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuyela kumntu kaTHIXO oyinyaniso, yena nebandla lakhe lonke, weza, wema phambi kwakhe; kwaye wathi: Khangela, ngoku ndiyazi ukuba akukho Thixo ehlabathini lonke, ngaphandle kwaSirayeli; Thandaza, wamkele intsikelelo kumkhonzi wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uNahaman namaphakathi akhe lawo onke babuyela kumfo wakwaThixo. Wema phambi kwakhe wathi: “Ngoku ndiyaqonda ukuba akukho Thixo wumbi ehlabathini liphela ngaphandle kwalowo wakwaSirayeli! Ngoko ke nceda wamkele nasi isipho osinikwa sisicaka sakho!”